![]() |
| Mna ndingunyana wentombi enkulu kaMncedi George Magini; ongunyana kaDumile James Magini yena ongunyana kaWelani. Ndingumtshana kwaye ndikwangunyana kwaMagini kuba ndikhulele khona. |
Umzi wakwaMagini ebaThenjini
Wednesday, April 22, 2026
Abatshana bakwaMagini
Monday, October 14, 2013
Ikhaya lethu
UWelani Magini onguye ukhokho wakwaMagini wathatha intombi yakwaMbanzi kwaMashugu uBoniswa balizwa ngabantwana abayi 7 noNojenti:
- Mthelekisi Magini
- Dideka Magini
- Libele Magini
- Ngamthini Magini
- Dumile Magini
- Nyanisile Magini
- Zingiwe Magini
UMthelekisi Magini wathatha intombi yakwaJaca enguZanyiwe baze balizwa zintombi eziyi 3 noNowongile nonyana omnye:
- Zuziwe
- Phekelwa
- Phindeka
ULibele yena wathatha intombi yaseNewcastle uNonqazi intombi yakwaTshezi baze balizwa ngabantwana abaliqela noNothobile:
- Fuzeka
- Ntombomzi
- Nomajuda
- Mbinana
- Mantyi
- Zolile
UDumile wathatha intombi yakwaMatini eMaSukwinini enguThuleka Hilda baze balizwa ngabantwana noNowethu:
- Mncedi
- Ncedile
- Mncedisi
- Noncedo
- Ncedeka
- Ncedisile
- Ncediswa
UNyanisile yena wathatha intombi yakwaMafu enguZuziwe balizwa ngabantwana noNonezile:
- Nomakhwezi
- Mbuyiseli
- Mzwandile
- Ntombentsha
UDideka waye watshatela kwaMkhaliphi kwaDzana.
UNgamthini watshatela kwaThembani emaBambeni.
UZingiwe watshatela kwaSikholi kwaNguni.
Iintombi zakwaMagini
![]() |
| Intombi enkulu kaMncedi Magini enguBukeka |
![]() |
| UBukeka ngumzukulwana omkhulu kaDumile |
![]() |
| Nolufefe nguntondo kaMncedi Magini |
![]() |
| UPhekelwa Magini yintombi kaMthelekisi Magini unyana omkhulu kaWelani Magini. Wasishiya ngo2015. |
| UNompucuko Magini yintombi encinci kaNcedile Magini ongumninawa kaMncedi Magini |
![]() |
| UNomakhwezi Magini uphuma kwindlu encinci yakwaMagini yintombi kaNyanisile umninawa kaDumile |
| UNoncedo Magini yintombi enkulu kaDumile Magini |
![]() |
| UPhindiwe yintombi kaDumile Magini ethe yavela kutsha nje |
![]() |
| USinazo Magini yintombi encinci kaMnoneleli ongunyana omkhulu kaMncedi Magini |
![]() |
| Iintombi zikaMnoneleli Magini; uBathenkosi abaThembu noSinazo iintombi ebaThenjini |
![]() |
| Iintombi zikaFumene unyana kaDumile Magini |
![]() |
| Umafungushwe kaMnoneleli Magini, umzukulwana kaMncedi omkhulu ezintombini, uBathi |
Monday, October 7, 2013
Oomama bakwaMagini
![]() |
| Alime, umfazi omncinci kwaMagini. Umfazi kaLuthando Magini, umzukulwana kaDumile unyana kaNcedile. Wafika kwaMagini ngo 2008. |
![]() |
| UNothobile umfazi kaLibele Magini umolokazana kaWelani. Wafika kwaMagini ngo 1930's. Wasishiya ngo 2016. |
![]() |
| Umolokazana wonyana omkhulu wakwaMagini uMncedi. uNondiliseko wafika kwaMagini pha ngo 1998 engumendi. Ngumfazi kaTshuki unyana kaMncedi, umzukulwana kaDumile |
| Le ntombi yakwaMafu ngumolokazana omncinci kaWelani ngumfazi kaNyanisile Magini. UNonezile Magini wafika kwaMagini pha ngo 1940's. |
![]() |
| Nothobile Nonqazi Lenna Magini, uMaTenza intombi yaseNewcaste. |
![]() |
| UNothandile Magini yimazi kaMncedi Magini oye wandulela eli ngonyaka ka2012 washiyeka uNothandile engumhlolokazana emveni kweminyaka eyi 47 bebambene kwiqhina lomtshayo. |
Subscribe to:
Posts (Atom)


















